- Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa!
Ngenxa yezibele zothando lwakho,
nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam!
Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;
ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono! - Ewe, Thixo, intliziyo yam yidale ngokutsha, ibe nyulu;
wuhlaziye umoya wam, ndikhaliphe. - Umbingelelo owufunayo, Thixo, yintliziyo ethobekileyo.
Intliziyo ethobekileyo neguqukayo, wena Thixo, akuyideli.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukusulungekiswa
Xa ke kanti, mawethu...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Inceba
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Umbingelelo
Olona thando lukhulu umntu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
kaloku uyimvuze-mvuze bububele.