- Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,
wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;
undibonelele ndatsho ndazimaseka.
Undimise endaweni ephangaleleyo;
azinakutyibilika kuyo iinyawo zam. - Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph' ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu.
- Xa nihleli nimanyene nam, nisoloko nisenza ngokwamazwi am, nocela nantoni na ke eniyifunayo, niyifumane.
- Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;
ulikhaka kwabazimela ngaye. - Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,
uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.
Amazwi am makangacimi emehlweni akho,
koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho. - Maluhlale ngokupheleleyo ezintliziyweni zenu udaba lukaKrestu. Fundisanani, niyalane ngobulali. Culani iindumiso, nihlabele amaculo, nivuma iingoma zoMoya, nibulela uThixo ngentliziyo.
- Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye. - Ndihamba ngokomlomo wakho,
khon' ukuze ndingoni. - IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”
- Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso;
xa zizonke izigqibo zakho soze zithini. - Kaloku nizelwe ngelizwi likaThixo ophilayo, ongunaphakade, naba ngabantwana balowo ungasoze afe.
- Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe. - Wathetha ngelizwi, baza baphila;
ewe, wabahlangula ekufeni. - Ugqibelele won' umyalelo kaNdikhoyo:
uhlaziya amandla.
Uthembekile wona,
kub' unik' isiyatha
ubulumko. - Yithi ke kubo: ‘Itsho iNgangalala enguNdikhoyo ukuthi: Akukho lizwi lam liza kulityaziswa; konke endikuthethileyo kuza kwenzeka! Nditshilo nje mna Nkosi Ndikhoyo nditshilo.’
- Eyahlwayelwa endaweni enokhula izekelisa lowo uzivayo iindaba ezi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuziminxe iindaba, kungabikho siqhamo.
- Thabatha, nabu ubulumko, nantsi ingqiqo!
Ungaze wahlukane okanye ushenxe kumazwi omlomo wam! - Uthembekile lo unibizayo; uya kuyenza yonke le nto.
- Phulaphula, nyana wam, uwathathele ingqalelo amazwi am,
uze udle ubomi iminyaka emininzi. - Nina ke senihlambulukile yimfundiso endinifundise yona.
- Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke.
- Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo.
- Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo.”
- Andiyishiyanga imiyalelo yemilebe yomlomo wakhe;
andenzanga ngokufuna kwam, koko ndiwathobele amazwi akhe. - Athembekile la mazwi athi:
“Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ukuphulaphula
Khumbulani le nto, zihlobo...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke, nokuba ndihamba kwiingxondorha ezimnyama,andinadyudyu.
Kaloku ungakum, wena Ndikhoyo;
isagweba sakho nebhunguza lakho lixhadi lam.Ivesi elandelayo!