- Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
ndikhala kuwe ndibindekile.
Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
usiphulaphule isikhungo sam. - Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba. - Ke ngoko, nyana wam, yomelela ngenxa yesisa sikaThixo esisifumana ngokumanywa noKrestu Yesu.
- Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.
- Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande? Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?
- Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.
- Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.
- Ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,
engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo? - Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.
- Kodwa ngenxa yaloo mfobe yakho wena akubatshitshisanga;
wena zange ubalahle, Thixondini onesisa nenceba. - Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo.
- Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,
ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo. - Kuba kaloku ilungelo lenu njengabamanywe noKrestu alipheleli ekukholweni kuye kuphela, koko lifikelela nasekubeni nive ubunzima ngenxa yakhe.
- Ke uThixo, imbangi yoxolo, uya kumnyhasha kamsinya uSathana phantsi kweenyawo zenu.
Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani. - Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala. - Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.”
- Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,
netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.
Maliguquke, lize kuNdikhoyo;
yena wosuka abe novelwano lilo.
Malize kuThixo wethu,
kuba yena uxolela kangangoko. - Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.
- ‘Guquka, mkreqikazindini Sirayeli!’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
‘Andizi kuba sakukhangela ngobuso obusangeneyo,
kuba ndinenceba.’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
Úthi: ‘Andiyi kuhlala ndiniqumbele.’ - Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Inceba
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.Ivesi elandelayo!