DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UHLAZIYO-MNQOPHISO 5

  • Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.
  • UMhla wokuPhumla wugcine ulusuku olulodwa lwam njengoko mna Ndikhoyo Thixo wakho ndikuyalelayo. Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. Nesicaka sakho masiphumle kwanjengawe.
  • Kaloku khumbula ukuba nawe ubulikhoboka kwelaseJiputa, ndaza ke mna Ndikhoyo Thixo wakho ndakukhulula ngamandla obungangamsha bam. Yiyo ke le nto ndikuyalela ukuba uwubeke uMhla wokuPhumla.
  • Akwaba bebeya kusoloko benezimvo ezinje! Akwaba bebeya kuhlala bendihlonipha bayithobele imiyalelo yam, khon' ukuze balungelwe bona nezizukulwana zabo naphakade.
  • Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela