DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UISAYA

  • Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo
    bosuka bahlaziyeke bomelele.
    Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
    noba sebebaleka, soze badinwe;
    ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.
  • Ngoko ke ndinawe, sukoyika;
    ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
    Ndiza kukomeleza ndikusize,
    amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.
  • Noba sewucand' emanzini,
    mna ndiya kuba nawe;
    noba sowuwela imilambo,
    ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
    nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
    amadangatye akanakukutshisa wena.
  • Ndikhoyo, wena unguThixo wam;
    ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
    Kuthi mandikutyibele ndibongisele
    ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
    kaloku ngokuthembeka okukhulu
    wena zonke uzifezekisile –
    nditsho izicwangciso zakho zamandulo.
  • Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;
    ndokugcina ndikomeleze,
    ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’
  • Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,
    umomelezi wâbo bangenamandla.
  • Waphendula ke esithi:
    “Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
    ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
    Noba ke yena angade amlibale,
    okokwam ke mna soze ndikufulathele,
    kuba igama lakho ndilivambile,
    ndilithe tyaba esandleni sam;
    iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”
  • Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!
    Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
    isihomo sikaNdikhoyo sikujikelezile.
  • Kum uxabisekile ke kambe;
    yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
    Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
    ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.
  • Naku okona kuzila ndikufunayo:
    Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;
    niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,
    bakhululwe bonke abacinezelwa,
    niyaphule idyokhwe yengcinezelo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela