- Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;
akayi kubafulathela abantu bakhe.
Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,
kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa. - UThixo ulihlathi nenqaba yethu;
ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile. - Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.
- Noda niguge nibe ziingwevu
mna ndisengulowo unixhasayo.
Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;
ewe, ndonigcina ndinihlangule. - Konke enikucelayo ngomthandazo nikholwa, nokwamkela.
- Niyabona, uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.
- Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.
- IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”
- UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.
- Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;
kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo. - Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;
kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,
abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo. - Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,
nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile. - Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo;
ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela. - Kodwa ke, njengoko zitshoyo iziBhalo: “Nabani na othanda ukuqhayisa, makaqhayise ngento eyenziwe yiNkosi.” Kaloku umntu owamkelekileyo ngulowo unconywa yiNkosi, ingenguye ozincoma ngokwakhe.
- Yithi ke kubo: ‘Itsho iNgangalala enguNdikhoyo ukuthi: Akukho lizwi lam liza kulityaziswa; konke endikuthethileyo kuza kwenzeka! Nditshilo nje mna Nkosi Ndikhoyo nditshilo.’
- NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo. - Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,
wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo. - Makathi ntshoo phambili amehlo akho,
neenkophe zamehlo akho zithi ngqo. - “Ewe, iintaba zingadilika,
ke zona iinduli zinyamalale,
kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,
nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”
Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo. - Akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,
kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe. - Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;
mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,
nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla. - Wuphulaphule umthandazo wam, Ndikhoyo;
sive isikhungo sam.
Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule. - Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,
ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli. - Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,
njengoko kaloku sithembele kuwe. - UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,
unobubele kuko konke akwenzayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthembekile
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
ILizwi likaThixo
Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngulowo uhambo ingenabala,owenza ubulungisa,
ayithethe inyaniso engafihlisi.
Ngulowo unganyelisiyo,
ungamenziyo into embi uwabo,
ungamhlebiyo ummelwana wakhe.Ivesi elandelayo!