DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UMARKO 2

UMARKO 2:23-28 - XHO96
  • Kwathi uYesu ecanda emasimini ngoMhla wokuPhumla, abafundi bakhe basuka bakha izikhwebu zengqolowa. Bathi ke kuye abaFarasi: “Khawutsho, kungani na ukuba abafundi bakho benze okungavumelekanga ngoMhla woPhumlo?” Uthe ke yena kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide, mhla walamba engenanto ityiwayo, yena neqela lakhe? Kaloku wangena endlwini kaThixo ngemihla ka-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ngokomthetho ezi zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli.” Waza wathi ke kubo: “UMhla woPhumlo lo wabakho ngenxa yomntu, asinguye umntu owabakho ngenxa yawo. Ngoko ke uNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla woPhumlo.”

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Abangenabani ubenzela izihlobo.
Amabanjwa uwakhokelela enyhwebeni;
ke bona abavukeli bohlala kwelingumqwebedu.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela