DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UMATEWU 19

  • Wabaphendula wathi: “Aniyifundanga na eziBhalweni le ndawo ithi: ‘UMdali wabadala kwasekuqalekeni bayindoda nomfazi. Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane’? Ke ngoko àbasebabini, koko banye. Abo ke uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”
  • Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”
  • Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.
  • UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”
  • Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”
  • Baninzi phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela