DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Umthandazo (3/3)

  • Bawo, njengoko ubanike mna nje, ndithanda ukuba babe lapho ndikhoyo, babubone ubungangamsha ondinike bona, kuba wandithanda lingekadalwa nokudalwa ihlabathi.
  • Ndibazisile ngawe, ndaye ndisaya kwenjenjalo, ukuze uthando ondithanda ngalo mna lumile kubo, nam ndihlale ndimanyene nabo.
  • Ngoko ke bazila ukutya bathandaza, bababeka izandla, baza babandulula.
  • Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza.
  • Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;
    ndive, ndakuzibika kuwe.
    Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,
    kuba ndiselugcinweni lwakho,
    nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.
  • Usixolele amatyala ethu,
    njengokuba nathi sibaxolela abasonayo.
  • Ungasiyekeli ekulingweni,
    koko sihlangule kumtyholi;
    kuba ngenene nguwe olawulayo,
    namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.
  • Ekuyikhonzeni kwabo iNkosi, bezila ukutya, uMoya oyiNgcwele wathi kubo: “Ndikhetheleni uBharnabha noSawule, ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.”
  • Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla.
  • Ezithathile ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, ukhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza, wamana enika abafundi bakhe ukuba babele isihlwele. Badla ke bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.
  • Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.
  • Ndiza kuyomeleza indlu kaJuda,
    ndiyihlangule indlu kaJosefu.
    Ewe, ndoba nebuyambo ngakubo;
    kaloku mna ndinenceba ngabo.
    Boba ngathi zange ndibalahle.
    Kaloku mna ndinguNdikhoyo uThixo wabo,
    ndaye ke ndobaphendula.
  • Ke ekubhaptizweni kwento eninzi yabantu, noYesu ebhaptiziwe, kwathi ethandaza, lavuleka izulu, wehlela phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele enembonakalo yehobe. Kwavakala nezwi livela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe!”
  • Zinikeleni ngokupheleleyo ekuthandazeni. Thandazani maxa onke niqhutywa nguMoya. Ngesi sizathu ke hlalani nithe qwa, ningancami, nisoloko nibathandazela abantu bakaThixo.
  • Umntu ozivalayo iindlebe zakhe kuwo umthetho kaThixo
    kwaumthandazo wakhe uyanyanyeka kuThixo.
  • Mna ke ngoko ndithi kuni: Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela