- Nize ningabi nanqala mntwini. Mkhalimele umntu owonayo, hleze nawe ube netyala. Ze ningaziphindezeli mntwini, okanye nimbambe isixhiba, koko nina mthandeni ummelwane wenu, kanye ngale ndlela nizithanda ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.
- Kufuneka nizahlulele mna, nibe ngabam ndedwa, kuba kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye mna ndahlukile. Ndanahlula kwezi ntlanga, ukuze nina nibe ngabam ndedwa.
- Xa umntu one engaqondanga ngokwaphula nayiphi na imimiselo kaNdikhoyo, loo mntu unetyala, yaye uya kuluthwala olo xanduva.
- Ewe, yithobeleni imiyalelo yam; kaloku ndinguNdikhoyo.
- Nina gcinani iMihla yam yokuPhumla, niyihlonele indawo endinqulwa kuyo. Kaloku ndim uNdikhoyo.
- Mayela nale micimbi, akuba umntu eziqondile ukuba wonile, makasivume isiphoso sakhe.
- Zintandathu iintsuku eningenza ngazo umsebenzi, kodwa ze nikhumbule ukuba umhla wesixhenxe wona ngowokuphumla. Ze ningasebenzi ngaloo mhla, koko ze nihlanganisane ninqule. UMhla wokuPhumla wona wahlulelwe uNdikhoyo, nditsho nokuba nihlala phi na.
- Xa nisenza ngokwemimiselo yam, niyithobela imiyalelo yam, ndiya kunipha imvula ngexesha, uze umhlaba wenu uvelise isivuno, nemithi ithwale iziqhamo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
iSabatha
Hlala uwukhumbula uMhla wokuPhumla...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulali
Bazeleleleni bonke abantu. INkosi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
kaloku uyimvuze-mvuze bububele.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umntu ophayo uba nenkqubela;ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.Ivesi elandelayo!