DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

INdumiso 42

  • Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa
    nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo.
  • Ewe, intliziyo yam iyakulangazelela, Thixo,
    nditsho wena Thixo ophilayo.
    Yaz'ba koda kube nini na
    ukuze ndide ndibe nonxibelelwano nawe, Thixo?
  • Iziziba ezinzongo-nzongo ziyamemezana
    ngokukrotsha kweengxangxasi zakho.
    Amaza eze ngendlu yawo,
    ngokunjalo kwaneempuphuma.
    Ewe, ziwugubungele umphefumlo wam.
  • Kambe ke, ngeny' imini, Ndikhoyo,
    luya kubalasela uthando lwakho.
    Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,
    ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye.
  • Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
    Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
    Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
    khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo. Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela