DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

INdumiso 42

  • Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa
    nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo.
  • Ewe, intliziyo yam iyakulangazelela, Thixo,
    nditsho wena Thixo ophilayo.
    Yaz'ba koda kube nini na
    ukuze ndide ndibe nonxibelelwano nawe, Thixo?
  • Iziziba ezinzongo-nzongo ziyamemezana
    ngokukrotsha kweengxangxasi zakho.
    Amaza eze ngendlu yawo,
    ngokunjalo kwaneempuphuma.
    Ewe, ziwugubungele umphefumlo wam.
  • Kambe ke, ngeny' imini, Ndikhoyo,
    luya kubalasela uthando lwakho.
    Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,
    ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye.
  • Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
    Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
    Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
    khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Mbonge uNdikhoyo, moya wam!
Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela