DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

ULUKA 13:10-17

Ke kaloku ngomnye uMhla woPhumlo uYesu wayefundisa ndlwini yesikhungo ithile. Apho kwakukho umfazi owayenendimoni eyamgulisa iminyaka elishumi elinesibhozo. Wayegobile, engenako mpela ukuma nkqo. Akuba uYesu embonile, wambiza, wathi kuye: “Mfazi, ukhululekile ebulwelweni bakho.” Wambeka izandla, waza ke lo mfazi wema nkqo kwangoko, wabulela uThixo.
Ke lona igosa lendlu yesikhungo, licaphukile kuba uYesu ephilise ngoMhla wokuPhumla, lathi kwisihlwele: “Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo. Yizani ngayo niphiliswe, kungabi ngawo uMhla wokuPhumla.” Yaphendula ke iNkosi, yathi: “Mamenemenendini, ngubani na kuni ongayikhululiyo ngoMhla woPhumlo emkhumbini wesitali inkomo yakhe, okanye idonki yakhe, ayirhole esiya kuyiseza? Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, owayebotshiwe le minyaka ilishumi elinesibhozo nguSathana, ubengamelwe kukukhululwa na kulo mabophe ngoMhla woPhumlo?” Akuba etshilo, basuka badana bonke ababechasene naye. Ke sona isihlwele sasivuya ngenxa yazo zonke izinto ezintle awayezenza.
ULUKA 13:10-17 - XHO96

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo. Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela