Malunga neDailyVerses.net
Igama lam ndinguTim. NgeDailyVerses.net ndidibanisa ukuthanda kwam iBhayibhile kunye nezakhono zam zophuhliso lwesoftware. Ukwabelana ngeLizwi likaThixo.
- Ndiyakholelwa ukuba uThixo nguMdali weZulu noMhlaba.
- Ndiyakholwa ukuba uYesu Krestu wanikela ngobomi bakhe ngenxa yezono zam.
- Ndiyakholwa kuMoya oyiNgcwele.
Iivesi zeBhayibhile endizithandayo
Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.
Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ ”
Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.
Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto. Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.
Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo.”
Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe. Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kuba iziBhalo zithi:“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.”