Iivesi zeBhayibhile malunga nokucwangcisa
- Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho. - Kaloku nguwuphi na kuni othi, efuna ukwakha inqaba, angàthi kuqala ahlale phantsi, abale indleko, ethelekelela ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?
- “Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
- Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe. - Wanga angakunika umnqweno wentliziyo yakho,
aziphumelelise zonk' iinquleqhu zakho. - Apho kungekho kucebisana izicwangciso ziyabhanga,
kanti ke apho kukho abacebisi abaninzi ziyaphumelela. - Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,
kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo. - Ububele bakho mandibuve kwakusasa;
kaloku mna ndikholosa ngawe.
Ndifundise indlela endifaneleyo;
kaloku mna ndizibika kuwe. - Yonke into inexesha layo;
umbandela ngamnye unethuba lawo apha emhlabeni. - “Kaloku ingcinga zam azifani nezenu,
neendlela zenu azifani nezam,”
utsho yena uNdikhoyo! - Musa ukuziqoba amandla ufunana nobutyebi,
ungaphulukani nengqondo yakho ngenxa yabo. - Sifundise ukuyiqingqa imihla yethu,
ukuze sizuze ubulumko. - Njengokuphakama kwezulu emhlabeni
ziphakamile neendlela zam kunezenu,
kanti ke zikwanjalo neengcinga zam. - Obo bulumko ke buvela kuNdikhoyo uSomandla-onke;
kaloku yena yintshatsheli ngamacebo,
ngenene yena ubalasele ngobulumko. - UThixo wazityhila kuthi ke ezi ndaba ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, nobunzulu bobume bukaThixo.
- Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;
ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.
Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;
kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe. - Ukanti ke yona iNkosi uNdikhoyo ayenzi nto ingathanga ilityhile icebo layo kwizicaka zayo abashumayeli.
Izihloko ezinxulumeneyo
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ukuqonda
Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Iingcamango
Ndibhenela kuwe, Thixo wam...