DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nesiprofeto

  • Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo. Nayiphi na into embi yityesheleni.
  • Kaloku udaba lukaThixo aluzanga ngokuzithandela komntu, koko abantu baluthetha udaba lukaThixo beqhutywa lifuthe loMoya oyiNgcwele.
  • Ndingade ndibe naso nesiphiwo sokushumayela ngefuthe, ndinalo lonke ulwazi, ndizazi nezinto ezingàziwa mntu, ndinalo nokholo olugungqisa iintaba, kodwa ndingenalo uthando, andinto konke!
  • Zihlobo, musan' ukusuka nikhokelwe nje nanguwuphi na umoya. Wonke umoya wuvavanyeni, nikhangele ukuba ngaba uvela kuThixo na. Kaloku baninzi abashumayeli abanefuthe lobuxoki abajikeleza elizweni.
  • Ukanti ke yona iNkosi uNdikhoyo ayenzi nto ingathanga ilityhile icebo layo kwizicaka zayo abashumayeli.
  • Jika uxelele inkokheli yabantu bam uHezekiya, uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kukuphilisa. Ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku uya kuya endlwini kaNdikhoyo.’
  • Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.
  • Bakuyiva le ntetho, babhaptizwa egameni leNkosi uYesu. UPawulos wababeka izandla, batsho bamamkela uMoya oyiNgcwele, baza bathetha iilwimi, belithetha ilizwi likaThixo.
  • Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.
  • Ngoko ke, nani zintlanga, anisengabo abasemzini neendwendwe. Niyimilowo nabantu bakaThixo; nilusapho lukaThixo. Nani ke nakhelwe phezu kwesiseko sabathunywa nabashumayeli, kodwa ke elona litye lesiseko nguYesu Krestu ngokwakhe.
  • Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo yomthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo.
  • Mhlawumbi ningaxakwa, nithi: ‘Soluqonda njani na udaba ukuba alululo olukaNdikhoyo?’ Ukuba umshumayeli uthetha egameni likaNdikhoyo ize ingenzeki loo nto ayithethileyo, nomqonda ukuba udaba lwakhe aluphumi kuNdikhoyo, koko uyazithethela nje; ngoko ke sanukuziduba ngaye.
  • Ngoko ke yiNkosi ngokwayo eza kukunika umqondiso! Kaloku intombi ikhulelwe, ibe ke iza kuzala unyana, imthiye igama elinguImanuweli.
  • Ngoku ke indlela uThixo abalungisa ngayo abantu ibonakalisiwe, ingeyiyo eyomthetho. Kambe ke iyangqinelwa ngumthetho kaMosis nangabashumayeli bamandulo. Yona kukukholwa nokuzinikela kuYesu Krestu. UThixo ubenza amalungisa bonke abakholwayo kuYesu, kuba akanamkhethe.
  • Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!
    Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!
    Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,
    ethobekile, ekhwele idonki,
    nditsho ithole, inkonyane yedonki.
  • Konke oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa ngumshumayeli, esithi: “Niyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, abizwe ngokuba nguImanuweli” (oko kukuthi “uThixo unathi”).
  • Ze ningabi ndize kuchitha umthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo. Andizanga kuchitha; ndize kuzalisekisa.
  • INkosi ke yadanduluka yathi: “Yaz'ba ndiya kuthuma bani na? Ngubani ongaba sisigidimi sethu?”
    Ke mna ndiphendule ndathi: “Thuma mna; ndiyaya!”
  • Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata,
    udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda,
    kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa
    lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli,
    omveli yakhe isukela kwamandulo,
    kwimihla yasephakadeni.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Khawukhangele, nanko esiza ekhatshwa ngamafu! Lonke uluntu luya kumbona, nkqu nabo bâmhlabáyo. Ewe, zonke izizwe ziya kungqukruleka zizisola. Injalo ke loo nto! Amen.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo
bosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela