DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga noBukumkani

  • Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
  • Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.
  • Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;
    naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
    Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
    kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
    Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
    uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.
  • Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.
  • Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”
  • Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”
  • UYesu waphendula wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, akukho namnye unokuxhamla ukulawulwa nguThixo, engathanga azalwe ngokutsha.”
  • Ngoko ke, nani zintlanga, anisengabo abasemzini neendwendwe. Niyimilowo nabantu bakaThixo; nilusapho lukaThixo. Nani ke nakhelwe phezu kwesiseko sabathunywa nabashumayeli, kodwa ke elona litye lesiseko nguYesu Krestu ngokwakhe.
  • Ke uNdikhoyo uya kuba ngukumkani wehlabathi jikelele. Ewe, ngaloo mini iya kuba nguNdikhoyo yedwa, igama lakhe libe kuphela kwagama elitshatsheleyo.
  • Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.
  • Ndiya kukunika igunya kulawulo olutsha lukaThixo. Kuya kuthi okubophileyo emhlabeni, kubotshwe nasezulwini; kuthi nokukhululeyo emhlabeni, kukhululwe nasezulwini.
  • Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ngakumbi ukuqinisekiswa kokubizwa nokunyulwa kwenu nguThixo. Kaloku ukuba niyayenza loo nto, aninakuze niwe konke. Leyo yindlela eniya kungena ngayo ekuxhamleni ubuncwane bokulawulwa amaxesha onke yiNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu.
  • Niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo!’
  • Hayi ubuhle beenyawo zesigidimi sibhijel' iintaba,
    sipheth' iindaba ezimnandi,
    sibhengeza sisithi: “Uxolo lufikile!
    Yonk' intw' ilungile! Nal' usindiso!”
    Ewe, sibhekisa kwiZiyon sisithi:
    “UThixo wakho uyalawula.”
  • Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona!
  • Kaloku umgwebi wethu nguNdikhoyo;
    ewe, uNdikhoyo yena uyasilawula.
    Ikumkani yethu nguNdikhoyo;
    nguye oya kusisindisa.
  • Waphendula uYesu, wathi: “Ndithi kuwe, inene, ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya kaThixo, akanakulawulwa nguThixo.”
  • Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.
  • Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
    NguNdikhoyo onamandla onke;
    nguye uKumkani, nguye iNgangalala.
  • Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo.
  • Unoyolo engokaThixo lowo uluxhamleyo uvuko lokuqala. Ukufa kwesibini akunamandla kuye. Kaloku woba ngumbingeleli kaThixo nokaKrestu, axhamle ulawulo kunye noKrestu iminyaka eliwaka.
  • Asingabo bonke abathi kum: ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo; kuphela ngabayenzayo intando kaBawo osezulwini.
  • Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! Amen.
  • Thandazani ke ngoko nina nithi:
    “ ‘Bawo wethu osezulwini:
    Malaziwe lihlonelwe igama lakho,
    malongame ulawulo lwakho,
    makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.”’
  • Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango!

Ke zona izinto ezibangwa sisimo esidala zicace mhlophe; nazi: ukurheletya, ukungcola, nobuhenyu; unqulo-zithixo, nobugqwirha; ubutshaba, imbambano, ubukhwele, iphuku, ukubawa, amayelenqe, nezahlukano; umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela