Iivesi zeBhayibhile malunga nobizo
- Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.
- Uthembekile lo unibizayo; uya kuyenza yonke le nto.
- Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.
- Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini. Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa.
- UThixo wanibiza ngeendaba ezimnandi esazishumayelayo kuni; wanibiza ukuze nifumane isabelo kubuqaqawuli beNkosi yethu uYesu Krestu.
- Kakade nabizelwa loo nto; kaloku uKrestu waphatheka kabuhlungu ngenxa yenu, waza ngaloo ndlela wanishiya nomzekelo, ukuze nina nihambe ekhondweni lakhe.
- Ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.
- Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.
- Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ngakumbi ukuqinisekiswa kokubizwa nokunyulwa kwenu nguThixo. Kaloku ukuba niyayenza loo nto, aninakuze niwe konke. Leyo yindlela eniya kungena ngayo ekuxhamleni ubuncwane bokulawulwa amaxesha onke yiNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu.
- UNdikhoyo uthi:
“Ndaba ngazibonakalisa kwathi nya.
Kanti ndilindele abangandifuni nganto.
Ndandisithi bokhala kum;
kwathi kanti bona abakhw' apho.
Ndandikulungele ukuthi: ‘Yizani, ndim lo.’
Gxebe kanti sisizwe esingandinquliyo.” - Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.
- Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo.
- Kwinto yonke yibani ngcwele. Kaloku uThixo onibizileyo ungcwele.
Kanti ke neziBhalo zitsho ukuthi: “Yibani ngcwele, ngokuba mna ndingcwele.” - Ningakhuphani zixhiba, nigwexane. Ndaweni yaloo nto thethani ngobulali. Eyona nto nibizelwe yona yeyokuba nifumane ilifa leentsikelelo.
- Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Uthembekile
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo.Ivesi elandelayo!