Iivesi zeBhayibhile malunga nokulandela
- Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.
- NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela, ahambe nani. Soze arhoxe, engasoze anilahle; ngoko ke yomelelani ningoyiki.
- Khawundisekele ngokwesithembiso sakho,
ungandiyekeli ndonganyelwe bububi. - UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”
- Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.
- NguNdikhoyo uThixo wenu emanimlandele, nimhlonele. Mthobeleni, niyenze imiyalelo yakhe; futhi mkhonzeni, nibambelele kuye.
- Nalowo uthe akawuthwala umnqamlezo wakhe andilandele, akandifanelanga.
- UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.”
- Lowo usisicaka sam makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo. Osisicaka sam ke uya kunikwa imbeko nguBawo.
- Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.
- Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena.
- Kakade nabizelwa loo nto; kaloku uKrestu waphatheka kabuhlungu ngenxa yenu, waza ngaloo ndlela wanishiya nomzekelo, ukuze nina nihambe ekhondweni lakhe.
- Hay' inyhweba yomntu omthobelayo uNdikhoyo,
ohamba ngokwemimiselo yakhe. - NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;
nguye omenza akholeke kuye. - Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.
- Nantoni na ke eniyenzayo, nokuba niyathetha, nokuba niyenza, yenzeleni egameni leNkosi uYesu, nibulela uThixo uYise ngayo.
- Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene. Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”
- UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”
- Musa ukujika-jika uye ngasekunene nangasekhohlo;
unyawo lwakho malubucezele ububi. - Lunjalo ke ukholo olungaqhubeli mntu kwenzeni nto; luyinto nje efileyo.
- Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.
- UThixo onika uxolo, owayivusa ekufeni iNkosi yethu uYesu Krestu, waba nguyena malusi womhlambi, ngokuphalala kwegazi lomnqophiso ongasoze utshitshe, wanga anganomeleza ekwenzeni okulungileyo, khon' ukuze niyifeze intando yakhe. Wanga angasenza loo nto athanda ukuba sibe yiyo ngoYesu Krestu. Makadunyiswe uYesu Krestu ngonaphakade kanaphakade! Amen.
- Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uNdikhoyo, khethani ngoku, ukuba nokhonza bani na nina, phakathi koothixo baseMesopotami booyihlo noothixo bama-Amori enimi kumhlaba wawo. Kodwa mna kunye nomzi wam, siya kukhonza uNdikhoyo.
- Sendingxamile, andisayi kulibazisa;
ndozithobela iziyalo zakho. - Udumo lukaBawo luyatshatshela xa nivelisa iziqhamo ezininzi, nisenjenjalo kuba ningabafundi bam.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ukukhonza
Ngoko ke, mawethu athandekayo...
Umnqophiso
Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...