Iivesi zeBhayibhile malunga nokuphulaphula
- Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.
- Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”
- Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi.
- Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo.
- Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.
- Nokhalela kum, nize kundithandaza, ndize mna ndiniphulaphule.
- UNdikhoyo ndiyamthanda, kuba uyandiva;
uyasabela ndakuzibika kuye.
Njengoko endiphulaphula nje,
ndobhenela kuye xa ndisadl' ubomi. - Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;
ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo. - Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.
- Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.
- Njengokuba ke sisazi ukuba uyaziphulaphula izicelo zethu, ngokunjalo ke siyazi ukuba izinto esizicelayo sesiziphiwe.
- Uyabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza. Ukuba umntu uyeva aze avule, ndiya kungena ndihlale naye, sitye kunye.
- Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.
- Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,
ndalucela uncedo kuThixo wam.
Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,
savakala kuye isikhalo sam. - Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;
ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela. - Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,
uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.
Amazwi am makangacimi emehlweni akho,
koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho. - Uyawuva umthandazo wam, Ndikhoyo, kwakusasa:
kwakusasa ndizibika kuwe, ndilinde impendulo. - UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ukuba aniphulaphuli nizimisele ngeentliziyo zenu ukulihlonela igama lam, ndiya kunithumela ishwangusha, nentsikelelo yenu ndiyenze ibe lishwangusha. Ngenene sendiqalile ukunishwabulela ngenxa yokuba ningazimiselanga ukundihlonela ngeentliziyo zenu.”
- Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,
uyayiva imithandazo yawo. - NguNdikhoyo uThixo wenu emanimlandele, nimhlonele. Mthobeleni, niyenze imiyalelo yakhe; futhi mkhonzeni, nibambelele kuye.
- Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.
- Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?
- Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.
- Waphendula yena wathi: “IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”
- Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,
wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
ILizwi likaThixo
Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.