Iivesi zeBhayibhile malunga noxolo
- Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,
akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo. - Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene nam. Ehlabathini niya kubandezeleka; kodwa musani ukuxhalaba, kuba mna ndiloyisile ihlabathi.
- Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.
- Ndinishiya noxolo olulolwam, olungafani nakancinane nolweli hlabathi. Ze ningakhathazeki, ningoyiki.
- Ngamana iNkosi, ekuvela kuyo yonke inzolo, ingamana inipha uxolo njalo-njalo, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani.
- Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!
- Nanjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“Lowo unga angabudla ubomi abe nenkqubela
makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki.
Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.” - Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;
nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo. - Ke wena ubathi jize ngenzolo
abo banjongo zingajika-jikiyo,
kuba behlala bekholose ngawe. - Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.
- Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.
- Ndithi: kuni makongame inceba, uxolo, nothando.
- Onomonde ulungile kunegorha;
olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko. - Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo. - Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.
- Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.
- Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.
- Abathobela umyalelo wakho bahlala banelisekile;
kaloku akukho nto ingabaphazamisayo. - Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso.
- Uthetha ngelizwi athi:
“Phezani, ndim uThixo.
Ndizivelele izizwe;
nehlabathi ndilikrobele.” - Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.
- Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni.
- Wanga angabaph' amandl' abantu bakhe;
wanga angabathamsanqela abaph' inzolo. - Hayi ubuhle beenyawo zesigidimi sibhijel' iintaba,
sipheth' iindaba ezimnandi,
sibhengeza sisithi: “Uxolo lufikile!
Yonk' intw' ilungile! Nal' usindiso!”
Ewe, sibhekisa kwiZiyon sisithi:
“UThixo wakho uyalawula.” - Umntu onesidima uyasicezela isiphithi-phithi;
kanti ke sona isiyatha siyathanda ukuphemba uqhushululu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Wena undazisa iindlela zobomi;kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kum uxabisekile ke kambe;yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.Ivesi elandelayo!