Iivesi zeBhayibhile malunga nokukhanya
- Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!
Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
isihomo sikaNdikhoyo sikujikelezile. - Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;
liyandikhanyisela eluhambeni. - UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”
- Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo.
- Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala.
- Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,
akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo. - InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo,
inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni?
InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani? - Thina kaloku sanikwa lo myalelo yiNkosi:
“ ‘Ndikumisele ukuba ube sisibane sokukhanyisela iintlanga,
ube yindlela yokusindiswa kwalo lonke elimiweyo.’” - Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.
- Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;
nezisemnyameni izinto yena uyazazi.
Ngenene yena ulikhaya lokukhanya. - Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.
- Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge;
abangazi nto libanika ukuqonda. - Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;
yena ke wokwenzelelela.
Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,
kucace mhlophe ukulunga kwakho. - Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.
- Nani benifudula nihleli ebumnyameni. Nithe ke nakuba ngamaKrestu, nasekukhanyeni. Ngoko ke ziphatheni ngokwabantu abaqheleneyo nokukhanya.
- Wathi uThixo makubekho ukukhanya. Kwabakho ukukhanya.
- Kambe ke nina niluhlanga olukhethekileyo, ababingeleli basebhotwe, isizwe esinyulu, imilowo yakwaThixo. UThixo unikhethele ukuze nivakalise isidima nesihomo sakhe. Kaloku wanibiza nisebumnyameni, wanizisa ekukhanyeni okumangalisayo.
- Ndiyamcela ukuba anikhanyisele nibe nokuqonda, khon' ukuze nilazi ithemba anibizele kulo, niziqonde iintsikelelo ezingaka ezililifa lemilowo yakhe.
- Akukho bani uthi, esilumekile isibane, asigqume ngesitya, okanye asifake ngaphantsi kwebhedi. Usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe.
- Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama?
- Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;
ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho. - Konke ukupha naso sonke isipho esifezekileyo sivela phezulu kuThixo, umdali wezikhanyiso zesibhakabhaka. Yena akaguqu-guquki aphinzi-phinzize.
- Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,
bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;
koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakho
nefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe. - Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;
velana nathi usisindise! - Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukuvangela
Thina kaloku sanikwa lo...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...