- Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;
velana nathi usisindise! - Imimiselo kaNdikhoyo ilungile: ivuyis' intliziyo.
Imithetho kaNdikhoyo inyulu: ikhanyisel' amehl' indlela. - Kodwa kude kwayile mini uThixo endinceda; nangoku ndimi apha ndingqina kubo bonke, abaphakamileyo nabaphantsi ngokufanayo. Le nto ndiyithethayo ikwayiloo nto bayithethayo abashumayeli bamandulo kwakunye noMosis, le yokuba uKrestu umelwe kukuva ubunzima, aze abe ngowokuqala ukuvuka kwabafileyo, avakalise ukuvela komsobomvu wosindiso kumaJuda nasezintlangeni.
- Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;
undigxothela ubumnyama, wena Thixo. - Ke lowo ungowenyaniso uyeza ekukhanyeni, ukuze abonakale ngezenzo zakhe ukuba umthobele uThixo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukuvangela
Thina kaloku sanikwa lo...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...