- Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.
- Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,
bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;
koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakho
nefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe. - Imimiselo kaNdikhoyo ilungile: ivuyis' intliziyo.
Imithetho kaNdikhoyo inyulu: ikhanyisel' amehl' indlela. - Kodwa kude kwayile mini uThixo endinceda; nangoku ndimi apha ndingqina kubo bonke, abaphakamileyo nabaphantsi ngokufanayo. Le nto ndiyithethayo ikwayiloo nto bayithethayo abashumayeli bamandulo kwakunye noMosis, le yokuba uKrestu umelwe kukuva ubunzima, aze abe ngowokuqala ukuvuka kwabafileyo, avakalise ukuvela komsobomvu wosindiso kumaJuda nasezintlangeni.
- Ke lowo ungowenyaniso uyeza ekukhanyeni, ukuze abonakale ngezenzo zakhe ukuba umthobele uThixo.
- Isibane somzimba liliso. Xa iliso lakho lilungile, umzimba wakho uphela uya kukhanyiseleka. Kodwa ukuba iliso lakho alilunganga, umzimba wakho uphela woba sebumnyameni. Ke, ukuba ukukhanya okukuwe kububumnyama, koba mnyama kangakanani!
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukuvangela
Thina kaloku sanikwa lo...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
