Iivesi zeBhayibhile malunga nokubawa
- Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;
kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.
Nale ke into ngamampunge. - Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.
- Wathi kubo: “Kulumkeleni konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.”
- Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.
- Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe?
- Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe. Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.
- Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;
kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha. - Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;
obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda. - Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé;
mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo.
Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeni
umka engaphathanga nto ngesandla sakhe. - Musa ukuziqoba amandla ufunana nobutyebi,
ungaphulukani nengqondo yakho ngenxa yabo. - Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.
- Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho
ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo. - Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.
- Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
- Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.
- Nanjengoko nilusapho lukaThixo, makungakhankanywa phakathi kwenu ukurheletya nako konke ukungcola nokunyoluka.
- Nirhafa nje kaloku, kungenxa yokuba abasemagunyeni bangamagosa kaThixo, ngakumbi xa besenza umsebenzi wabo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthanda izinto eziphathekayo
Kaloku zange size nanto...
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
Iminqweno
Nantsi ke into endithetha...
Izithixo
Bantwana bam, zilumkeleni izithixo!...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ngesondo
UThixo uthanda ukuba nibe...