Iivesi zeBhayibhile malunga nomelwane
- Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini.
- Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.
- Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.
- Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.
- Thwalisanani ubunzima; xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.
- Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi.
- Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”
- Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo yomthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo.
- Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.
- Koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo.
- Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.
- Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu.
- Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.
- Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo.
- Khanifunde ukwenza okusesikweni;
zonke izinto zenzeni ngokomthetho.
Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo;
kanti neenkedama zilungiseleleni;
ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi. - Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.
- Nakuwe ke mntundini ugwebayo, nokuba ungubani, amatyholo aphelile. Ewe, ngokugweba omnye, uzigweba ngokwakho. Kaloku wena ugwebayo, wenza kwaezo zinto ugweba omnye ngazo.
- Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.
- Yanga ingalukhulisa iNkosi uthando eninalo luphuphume, nithandane, nithande naye wonke ubani, kanye ngale ndlela ndinithanda ngayo mna.
- Imiyalelo ethi: “Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze unganqweneli,” nokuba nguwuphi umyalelo ongomnye, ushwankathelwa ngelithi: “Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”
- Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.
- Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,
nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla. - Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni.
- Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.
- Inkolo enyanisekileyo nengenachaphaza kuThixo uBawo yile: kukubonelela iinkedama nabahlolokazi abahluphekileyo, nokuphepha ukudyojwa lihlabathi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ubulali
Bazeleleleni bonke abantu. INkosi...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ukuzingca
Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza...
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...