DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nengelosi

  • Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?
  • Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi.
  • Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa, sivakale nesandi sexilongo likaThixo, ize iNkosi ngokwayo ihle ezulwini. Bothi abo bafa bemanywe noKrestu bavuke kuqala, nathi ke baya kuba besaphila ngelo xesha sixhwilwe sidibane nabo emafini, size sihlangane neNkosi esibhakabhakeni. Ke siya kuhlala neNkosi njalo-njalo.
  • Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu.”
  • Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.
  • Ewe kambe, ndingade ndibe liciko lokuthetha iilwimi zabantu, ndide ndithethe nezezithunywa zezulu – kodwa ndingenalo uthando, intetho yam isuka ibe yingxolo nje, efana neyentsimbi ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.
  • Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni. Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo.”
  • Ngokunjalo ndithi kuni kuya kubakho uvuyo kwizithunywa zikaThixo ngomoni omnye oguqukayo.
  • Makadunyiswe uThixo kweliphezulu,
    kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.
  • Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.
  • Isithunywa ke sathi kuye: “Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa. Uyabona, uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.”
  • Besakhangele ukumka kwakhe, bondele esibhakabhakeni apho, nango amadoda amabini, ambethe ezimhlophe, emi ngakubo, abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.”
  • Inkulu ngokungenambaliso imfihlelo yonqulo lwethu. Kaloku uKrestu Yesu:
    Wavela ngesimo sobuntu
    waza wangqinelwa nguMoya,
    wabonwa zizithunywa zezulu.
    Washunyayelwa ezizweni,
    wamkelwa lihlabathi,
    waza wawongwa ezulwini.
  • Esazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi: “Josefu, nyana kaDavide, sukoyika ukumthatha uMariya abe ngumfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungoMoya oyiNgcwele.”

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela