DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga noMsindisi

  • Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.
  • Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;
    ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini.
  • Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi onguKrestu iNkosi.
  • Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela.
  • Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu,
    ukulingana noThixo akakubawelanga
    kangangokude afune ukusunduzana naye.
    Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena,
    wathatha isimo sesicaka,
    waba ngumntu ncakasana.
    Engumntu ebantwini,
    wazambesa intobeko,
    ntobeko leyo yamsa ekufeni –
    ukufa kwasemnqamlezweni.
  • Ngoko ke ayisendim ophilayo, nguKrestu ophilayo kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku ndimanywe noNyana kaThixo, ndibudla ngokholo kulowo wandithandayo, wabuncama obakhe ubomi ngenxa yam.
  • Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.
  • Esi sisizathu esibangela ukuba abe nako ukubasindisa ngokupheleleyo abo beza ngaye kuThixo, njengoko ehlala ehleli ebathethelela.
  • Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa.
  • Khumbulani ixabiso enakhululwa ngalo kwintlalo ebingento yookhokho benu. Anihlawulelwanga nganto itshitshayo, ifana nesiliva negolide. Nahlawulelwa ngegazi elixabisekileyo leXhwane elinguKrestu ongenasisihla nasiphako.
  • Amehlo ethu makathi ntsho kuYesu; kaloku síxhomekeke kuye isiqalo ndawonye nekamva lokholo lwethu. Ewe kaloku, yena wathi, ngenxa yenyhweba eyayimlindele, wawunyamezela umnqamlezo, walidela nehlazo lawo; kungokunje uhleli ewongeni kwibhotwe likaThixo.
  • Ukanti ke ndinguNdikhoyo uThixo wakho.
    Mna ndakukhuphulula eJiputa.
    AwunaThixo ngaphandle kwam,
    kungekho namsindisi ingendim.
  • Uthe ke akusulungeka wenziwa umthombo wosindiso olungapheliyo lwabo bamthobelayo.
  • Kaloku besikade siziintshaba noThixo, saxolelaniswa naye ngokufa koNyana wakhe. Kobeka phi ke ukusindiswa kwethu ngokudla kwakhe ubomi!
  • Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.
  • Ngoko ke yena uKrestu ungunozakuzaku womnqophiso omtsha, ukuze abantu ababiziweyo nguThixo balizuze ilifa laphakade ababelithenjisiwe. Kaloku ngokufa kwakhe uzicimile izono ababezenzile ngexesha lomnqophiso wokuqala.
  • Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni. Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo.”
  • Kodwa kude kwayile mini uThixo endinceda; nangoku ndimi apha ndingqina kubo bonke, abaphakamileyo nabaphantsi ngokufanayo. Le nto ndiyithethayo ikwayiloo nto bayithethayo abashumayeli bamandulo kwakunye noMosis, le yokuba uKrestu umelwe kukuva ubunzima, aze abe ngowokuqala ukuvuka kwabafileyo, avakalise ukuvela komsobomvu wosindiso kumaJuda nasezintlangeni.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,
utsho uNdikhoyo,
ndikufundise, ndikujonge.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela