Iivesi zeBhayibhile malunga nokuvuma izono
- Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.
- Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.
- Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba. - Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,
ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:
“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”
wandixolela wena ityala lam. - Mayela nale micimbi, akuba umntu eziqondile ukuba wonile, makasivume isiphoso sakhe.
- Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu.
- Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.
- Ndithi ndakungasivumi isono sam,
amandla atsho andiphelele,
ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke. - Sonile senza ubugwenxa nobubi! Sikuvukele sayityeshela imiyalelo nemithetho owasinika yona.
- Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.
- Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.
- Sondelani kuThixo naye azokusondela kuni. Hlambani izandla zenu, nina bonindini! Nizenze nyulu iintliziyo zenu, nina bahanahanisi!
- Kolu gqatso lokholo yenza konke okusemandleni ukuze ubufumane ubomi obungonaphakade. Ewe, kaloku wabizelwa yona le njongo, ngokuya wawusenza isivumo sokholo phambi kwamangqina amaninzi.
- Kaloku omphikayo uNyana uyamphika kwanoYise; ukanti ke omamkelayo uNyana umamkele noYise.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ukuvuma
Nawuphi na umntu ovumayo...
Inguquko
Ukuba abantu bam abo...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.