Iivesi zeBhayibhile malunga nokuvuma
- Nawuphi na umntu ovumayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo, uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.
- Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.
- Bathi bebonke bavume bengafihlisi
ukuba uYesu Krestu yiNkosi,
bebonakalisa ubungangamsha bukaThixo onguBawo. - Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;
ngako oko ndiya kukholosa ngaye.” - Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.
- Kuba iziBhalo zithi:
“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.” - Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.
- Kolu gqatso lokholo yenza konke okusemandleni ukuze ubufumane ubomi obungonaphakade. Ewe, kaloku wabizelwa yona le njongo, ngokuya wawusenza isivumo sokholo phambi kwamangqina amaninzi.
- Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,
ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:
“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”
wandixolela wena ityala lam. - Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala. - Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.
- Kaloku omphikayo uNyana uyamphika kwanoYise; ukanti ke omamkelayo uNyana umamkele noYise.
- Ningawuphawula ngale nto ke wona umoya ovela kuThixo: Ukuba umntu uyavuma ukuba uYesu Krestu weza engumntu, unoMoya ovela kuThixo. Kanti ke ukuba akayivumi loo nto, akanaye uMoya ovela kuThixo loo mntu unjalo. Loo moya anawo ngokamchasi-Krestu. Nanivile ukuba uya kuze afike; ukho ke ngoku ehlabathini.
- Kwavakala izwi, livela ezulwini, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; ndikholisiwe nguye.”
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ukuvuma izono
Ngoko ke zivumeni izono...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Izithembiso
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.