DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

1 KAYOHANE 4:2-3

Ningawuphawula ngale nto ke wona umoya ovela kuThixo: Ukuba umntu uyavuma ukuba uYesu Krestu weza engumntu, unoMoya ovela kuThixo. Kanti ke ukuba akayivumi loo nto, akanaye uMoya ovela kuThixo loo mntu unjalo. Loo moya anawo ngokamchasi-Krestu. Nanivile ukuba uya kuze afike; ukho ke ngoku ehlabathini.
1 KAYOHANE 4:2-3 - XHO96

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Isithunywa ke sathi kuye: “Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa. Uyabona, uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.”

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
lowo ukholosa ngaye!
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela