DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nothando

  • Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando alunamona, alugwagwisi, lungakhukhumali. Uthando alugezi, alufuni okukokwalo, alunachuku, alunanzondo.
  • Wonke umsebenzi wenzeni ngothando.
  • Ububele bakho mandibuve kwakusasa;
    kaloku mna ndikholosa ngawe.
    Ndifundise indlela endifaneleyo;
    kaloku mna ndizibika kuwe.
  • Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.
  • Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.
    Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
    Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
    Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
    ube negama elihle kuThixo nasebantwini.
  • Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.
    UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.
  • Ngalinye ke, zintathu izinto eziya kuhlala zihleli: lukholo, nethemba, nothando. Engaphezu kwazo zonke ke luthando.
  • Sinalo ke uthando kuba thina sathandwa nguThixo kuqala.
  • Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.
  • Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.
  • Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.
  • Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele.
  • Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.
  • Ndingade ndibe naso nesiphiwo sokushumayela ngefuthe, ndinalo lonke ulwazi, ndizazi nezinto ezingàziwa mntu, ndinalo nokholo olugungqisa iintaba, kodwa ndingenalo uthando, andinto konke!
  • Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.
  • Waphendula ke esithi:
    “Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
    ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
    Noba ke yena angade amlibale,
    okokwam ke mna soze ndikufulathele,
    kuba igama lakho ndilivambile,
    ndilithe tyaba esandleni sam;
    iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”
  • Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.
  • Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo. Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe.
  • Nangona uThixo engazanga wabonwa mntu nje, uhlala emanyene nathi ukuba siyathandana, luthi nothando lwakhe luyondelelane kuthi.
  • Umntu othi uyamthanda uThixo kodwa abe emthiyile uwabo, ulixoki. Kaloku ukuba akamthandi uwabo lo ambonayo, akanako ukumthanda uThixo angamboniyo.
  • Mayibe ndim kuphela osentliziywemi yakho oku komsesane wokutywina;
    ewe, mandibe ngumsesane wokutywina engalweni yakho.
    Lent' uthando lunamandla nqwa nokufa;
    ikhwele lalo aliqheliseli oku kwengcwaba.
    Ludangazela ngathi lidangatye,
    luvuthe ngathi ngumlilokazi.
  • Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.
  • Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo.
  • Kum uxabisekile ke kambe;
    yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
    Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
    ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.
  • Kodwa ke kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
    “Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,
    nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,
    zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”

Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela