- Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho.
- Hayi ubukhulu bothando lukaThixo uYise kuthi! Uthando lwakhe lukhulu kangangokuba ude athi uThixo singabantwana bakhe. Kambe ke singabo ngenene. Yiyo loo nto lingasiqondi nje ihlabathi; noThixo kaloku alimazi.
- Yanga ingalukhulisa iNkosi uthando eninalo luphuphume, nithandane, nithande naye wonke ubani, kanye ngale ndlela ndinithanda ngayo mna.
- Kodwa yena ongenalo uthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.
- Umntu oxunela ubulungisa nenceba
ufumana ubomi nobulungisa nodumo. - Intiyo iphembelela ingxabano;
ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono. - Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,
kuba inceba yakhe ayinasiphelo.
Zihlala zintsha imihla ngemihla;
kukhulu ukuthembeka kwakhe. - Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.
- Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.
- Ndithi: kuni makongame inceba, uxolo, nothando.
- Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini.
- Uthando aluvuyiswa bububi, luvuyiswa yinyaniso. Uthando aluncami; lukholwa zizinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.
- Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.
- UNdikhoyo ndiyamthanda, kuba uyandiva;
uyasabela ndakuzibika kuye.
Njengoko endiphulaphula nje,
ndobhenela kuye xa ndisadl' ubomi. - Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko.
- Ewe kambe, ndingade ndibe liciko lokuthetha iilwimi zabantu, ndide ndithethe nezezithunywa zezulu – kodwa ndingenalo uthando, intetho yam isuka ibe yingxolo nje, efana neyentsimbi ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.
- Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.
- Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.
- Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.
- Nanjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“Lowo unga angabudla ubomi abe nenkqubela
makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki.
Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.” - Musa ukuvuma ukudelwa ngabantu ngenxa yokuba usemncinci. Yiba ngumzekelo kuwo onke amakholwa, ngentetho yakho, ngokuziphatha, ngothando, ngentembeko, nangobunyulu.
- Ke mna ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.
- Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?
- Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.
- Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;
ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.
Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,
kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Onomonde ulungile kunegorha;olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba ungade ungadubuli umkhiwane,umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.Ivesi elandelayo!