Iivesi zeBhayibhile malunga noYesu
- Ondele kubo, uYesu wathi: “Kubantu oku akunakwenzeka, kodwa kuThixo akunakungenzeki, kuba zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.”
- Amehlo ethu makathi ntsho kuYesu; kaloku síxhomekeke kuye isiqalo ndawonye nekamva lokholo lwethu. Ewe kaloku, yena wathi, ngenxa yenyhweba eyayimlindele, wawunyamezela umnqamlezo, walidela nehlazo lawo; kungokunje uhleli ewongeni kwibhotwe likaThixo.
- UYesu wathi kuye: “Bendingatshongo na kuwe okokuba uya kuwabona amandla kaThixo ukuba uyakholwa?”
- Nawuphi na umntu ovumayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo, uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.
- Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe.
- Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye. Ke mna noBawo sibanye.
- Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;
ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.
Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;
thina sinyangwe ngamanxeba akhe. - Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.
- Nantsi indlela asibonise ukusithanda kwakhe ngayo uThixo: Wathumela uNyana okuphela kwakhe emhlabeni, ukuze thina sidle ubomi ngaye.
- Kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.
- Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”
- Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!
- Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.
- Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.
- Nalowo uthe akawuthwala umnqamlezo wakhe andilandele, akandifanelanga.
- Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.
- Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu maluhlale nani nonke.
- Kaloku mnye uThixo, ukwamnye nalowo ungumxolelanisi kaThixo nomntu. NguKrestu Yesu ongumntu ncakasana.
- Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.
- UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”
- Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo.
- Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.
- UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.
- Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.
- Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,
inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.
Ngenene thina besiba ubandezelekile,
sisithi uyabethwa nguThixo.
Izihloko ezinxulumeneyo
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ukubethelwa emnqamlezweni
Izono zethu wazithathela kuye...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...