DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nokuthanda izinto eziphathekayo

  • Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto. Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.
  • Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;
    kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.
    Nale ke into ngamampunge.
  • Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe. Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.
  • Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe?
  • Wathi kubo: “Kulumkeleni konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.”
  • Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”
  • Ngoko ke asilangazeleli zinto zibonwayo, silangazelela ezingabonwayo. Kaloku ezibonwayo izinto zezexeshana nje, kanti ezingabonakaliyo ziya kuhlala zihleli.
  • Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.
  • Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyo
    kunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala.
  • Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé;
    mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo.
    Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeni
    umka engaphathanga nto ngesandla sakhe.
  • Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
  • Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;
    kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.
  • UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”
  • Abafazi bona mabandileke, banxibe ngesidima, bathozame; iinwele bangazihombisi ngokugqithisileyo. Mabangayokozeli ngamaso egolide, nawamatye exabiso, bawunduzelise ngeelokhwe zeendleko. Ndaweni yaloo nto mababe nemisebenzi emihle efanele amakhosikazi abanga igama lobuKrestu.
  • Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile.
  • Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.
  • Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;
    mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,
    nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla.
  • Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe?
  • Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo.
  • Igama elihle lilungile ngaphezu kwentabalala yobutyebi;
    ukuba nesidima kungaphezu kwayo isiliva negolide.
  • Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;
    kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.
  • Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;
    sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.
  • Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo.
  • Kaloku ubutyebi busuka buthi shwaka ngephanyazo;
    ungáde ucinge ukuba busuke bantshula amaphiko bantinga njengokhozi.
  • Izinhanha zicinga ukuba ubutyebi yinqaba yazo;
    kuzo ngathi buludonga oluphakamileyo lokuzifihla.

Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ukuba ninolangazelelo, uThixo uyawamkela umnikelo wenu. Kaloku uThixo ufuna umntu aphe ngokobungakanani bezinto anazo, ingebubo obezinto angenazo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela