Iivesi zeBhayibhile malunga nokudumisa
- Ndikhoyo, wena unguThixo wam;
ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo. - Ewe, konke okushukumayo makudume kubonge uNdikhoyo!
Masidanduluke sonke sithi: “Bayethe, Mhlekazi!” - Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,
ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.
Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;
ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo. - NguNdikhoyo amandla am nekhaka lam;
ndithembele ngaye ngomxhelo wam wonke.
Ndoncedakala nditsho ndibe nemincili,
ndimbonge ngengoma. - Mbonge uNdikhoyo, moya wam!
Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke! - Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.
- Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, Ndikhoyo,
ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo. - Ngenene uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;
obakhe ubukhulu abuphengululeki. - Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam. - Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;
nditsho mna kanye lo!
Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,
ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.
Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.
Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo. - Ndohlala ndimbonga uNdikhoyo;
andisayi kuyeka ukumdumisa. - Ke kaloku ndaziva izidalwa nayo yonke indalo, ezulwini nasemhlabeni, phantsi komhlaba naselwandle, zidanduluka zisithi:
“Kulowo uhleli esihlalweni sokulawula, nakulo iXhwane,
mayibekho indumiso nesithozela, ubungangamsha namandla,
ngonaphakade kanaphakade!” - Ndiswel' imilomo yokukubonga,
ndikudumise maxa onke. - Maluhlale ngokupheleleyo ezintliziyweni zenu udaba lukaKrestu. Fundisanani, niyalane ngobulali. Culani iindumiso, nihlabele amaculo, nivuma iingoma zoMoya, nibulela uThixo ngentliziyo.
- Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;
igama lakho ndolibonga nanini nanini. - Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,
nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona. - Kuba iziBhalo zithi:
“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.” - Ewe, ngaloo mini niya kusuka nithi:
“Masidomboze sibulele uNdikhoyo;
ewe, masiqambe sinqule igama lakhe.
Imisebenzi yakhe masiyibhengeze ezizweni;
masishumayele sibuxele ubukhulu bakhe.” - Ndiphilise, Ndikhoyo, ndiphile qete.
Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.
Kaloku nguwe udumo lwam. - Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.
- Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, Ndikhoyo;
ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe. - Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Krestu osibabale ngazo zonke izipho zoMoya zasezulwini, sakuba simanywe noKrestu.
- Imihla ngemihla babehlangana rhoqo endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana, bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.
- Ndadanduluka kuye ndizibika;
ndandipheth' iindumiso nemibongo. - UThixo olizwi ndilidumisayo
ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ukucula
Kodwa ke mna ndiya...
Umphefumlo
Niya kuthi ke nakumfuna...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Umbulelo
Vuyani maxa onke, nithandaze...