DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nobungcwele

  • Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.
  • Kwinto yonke yibani ngcwele. Kaloku uThixo onibizileyo ungcwele.
    Kanti ke neziBhalo zitsho ukuthi: “Yibani ngcwele, ngokuba mna ndingcwele.”
  • Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.
  • Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?
    Ngokuthobela ilizwi lakho.
  • Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.
  • Ndibhenela kuwe, Thixo wam:
    khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;
    ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
    Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;
    undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.
  • Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe.
  • Yonke into enimelwe kukuyenza yenzeni ngaphandle kokukhalaza nokuxambulisana, niziphathe nyulu ningenagxeke, njengosapho lukaThixo olungabekwa bala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo beli phakade. Khanyani phakathi kwabo njengeenkwenkwezi zikhanya esibhakabhakeni, nibanika iindaba zobomi.
  • Kufuneka nizahlulele mna, nibe ngabam ndedwa, kuba kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye mna ndahlukile. Ndanahlula kwezi ntlanga, ukuze nina nibe ngabam ndedwa.
  • Nanjengoko nilusapho lukaThixo, makungakhankanywa phakathi kwenu ukurheletya nako konke ukungcola nokunyoluka.
  • Ndiyanikhuthaza ngoko, mawethu, ngenxa yenceba kaThixo, ukuba nizinikele nina ziqu nibe lidini eliphilayo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo. Leyo ke yindlela yenu efanelekileyo yokukhonza uThixo ngengqiqo.
  • Hayi, akakh' onjengawe;
    hayi bo, wahlukile wena, Ndikhoyo!
    Akukh' ongxondorha injengoThixo wethu!
  • Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade.
  • Utsho uThixo ophakamileyo,
    uThixo oyedwa ophila ngonaphakade:
    “Ndihlala emajuku-jukwini angayiwayo,
    kanti ndiyahlala nasebantwini –
    kwabo bazinikelayo bathobekileyo –
    ukuze ndibahlaziye abathobekileyo,
    ndibakhuthaze abo bazinikelayo.”
  • Njengoko uYihlo osezulwini anothando olugqibeleleyo, nani yibani ngabagqibeleleyo.
  • Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu?
  • Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo.
  • Ndiya kuba ndibonisa ubungangamsha bam; ndibe ke ndiyazazisa kwintlaninge yezizwe. Baya kuqonda ukuba mna ndinguNdikhoyo.
  • Quqelani kokulungileyo, ingekuko okubi,
    khon' ukuze niphile,
    naye uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, abe phakathi kwenu,
    njengoko nizingca ngaloo nto.
  • Mbonge uNdikhoyo, moya wam!
    Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!
  • Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo;
    umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo.
  • Ndiza kwenza bubonwe ubungcwele begama lam elilodwa eniligqwalisileyo ezizweni. Izizwe ke ziya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo, xa zindibona ndingoyedwa ngento endinenzela yona.
  • Kufana nomgibe emntwini xa enikezele ngento kuNdikhoyo buphuthu-phuthu,
    aze kamva acinge ngenye indlela ngezibhambathiso zakhe.
  • Apho ke kothi tyaba uhola;
    leyo ke kothiwa yindlela yobungcwele
    ekungekho namoni woze athi cakatha kuyo,
    nasiyatha solahlekisa mntu kuyo.
  • Akukho bani uthi, esilumekile isibane, asigqume ngesitya, okanye asifake ngaphantsi kwebhedi. Usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe.

Culelani uThixo, nibong' igama lakhe.
Ewe, mbongeni lowo ucand' emafini.
Igama lakhe nguNdikhoyo, vuyani ngenxa yakhe.
UThixo usendlwini yakhe engcwele.
Nguyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Hayi bo! Mayingabi sithi, Ndikhoyo;
ewe, makudunyiswe igama lakho,
ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela