- Culelani uThixo, nibong' igama lakhe.
Ewe, mbongeni lowo ucand' emafini.
Igama lakhe nguNdikhoyo, vuyani ngenxa yakhe.
UThixo usendlwini yakhe engcwele.
Nguyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi. - Kambe ke nina niluhlanga olukhethekileyo, ababingeleli basebhotwe, isizwe esinyulu, imilowo yakwaThixo. UThixo unikhethele ukuze nivakalise isidima nesihomo sakhe. Kaloku wanibiza nisebumnyameni, wanizisa ekukhanyeni okumangalisayo.
- Ukuba umntu uyayonakalisa indlu kaThixo, uThixo uya kumohlwaya, kuba indlu kaThixo ingcwele – nina ke niyiloo ndlu.
- UThixo uthanda ukuba nibe nyulu, nikucezele ukurheletya. Umntu ofuna umfazi makathathe umfazi ahlale naye ngobunyulu nembeko, iinkanuko angaziphi nomtyhi lo njengâbo bangamaziyo uThixo.
- YiNgxondorha emsebenz' ufezekileyo;
iindlela zakhe bubulungisa bodwa;
uThixo othembekileyo enyanisekile,
yena lilungisa elingenakumbi. - Kaloku yena ubenze bahlala besulungekile ngomnikelo omnye qha abo banyuliweyo.
- Zonke iindlela zomntu zilungile kwawakhe amehlo,
kodwa nguNdikhoyo ocikida iinjongo zazo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
