DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nombingelelo

  • Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.
  • Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.
  • Ngokunjalo ke noKrestu wanikelwa kwaba kanye ukuze athwale izono zabaninzi. Okwesibini uya kufika engenanto yakwenza nesono, koko eze kusindisa abo bamlindeleyo.
  • Kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.
  • Ukwenza ubulungisa nokuthe ngqo
    kwamkelekile kuNdikhoyo kunamadini.
  • Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.
  • Ndawo yokuqala ndazigqithisela kuni ezona ndawo ndazamkelayo, ezi zokuba uKrestu wafela izono zethu, ngokutsho kweziBhalo, nokuba wangcwatywa, nokuba wavuka ekufeni ngomhla wesithathu, ngokweziBhalo.
  • Kuba kaloku noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
  • Nguye owazenza idini ngenxa yethu, wasikhupha ekudeleni umthetho. Wasenza abantu bakhe abanyulu, abalangazelela ukwenza okulungileyo.
  • Amhluba izambatho uYesu, amambathisa ezibomvu, athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso entloko, amphathisa ingcongolo ngesandla sokunene, aza aqubuda phambi kwakhe, ahlekisa ngaye, esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!”
  • Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto?
  • Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo;
    ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho.
  • Kuba kaloku oko besisengama-athalala, uKrestu uthe ngexesha elimiswe nguThixo, wabafela abangamhloneliyo uThixo.
  • Kananjalo imizimba yenu musani ukuyinikela esonweni, nize none ngamalungu ayo; koko zinikeleni nina ziqu kuThixo, ningabaphila bevuke ekufeni nje. Ngenxa yoko ke wanikeleni kuThixo amalungu emizimba yenu, ukuze nenze okulungileyo ngawo.
  • Ke mna ndonikela kuwe ngedini,
    ndihlabele iculo lokukudumisa.
    Ndosifezekisa isibhambathiso sam.
    Usindiso lukuNdikhoyo.
  • Ingakanani ke yona inkululeko esiyifumana ngegazi likaKrestu? Yena wazinikela kuThixo emsulwa, ngoMoya ongunaphakade, wazenza idini. Ligazi lakhe eliya kuzihlambulula ezethu izazela emisebenzini efileyo, lisenze sikulungele ukukhonza uThixo ophilayo.
  • Abe njengaye uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
  • Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.
  • Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.
  • Umbingelelo owufunayo, Thixo, yintliziyo ethobekileyo.
    Intliziyo ethobekileyo neguqukayo, wena Thixo, akuyideli.
  • Wadanduluka ke uYesu ngezwi elikhulu, wathi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam!” Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.
  • Niyabona, siya eJerusalem, apho uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele ezandleni zeentlanga. Zona ke ziya kumenza intlekisa, zimkatse, zimbethelele emnqamlezweni; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke ekufeni.
  • Nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
ndikhala kuwe ndibindekile.
Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
usiphulaphule isikhungo sam.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

INkosi le ke nguMoya. Apho ke ukhona uMoya weNkosi kubakho inkululeko.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela