DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga Inceba

  • Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.
  • Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.
  • Kodwa ke uThixo onceba inkulu, ngenxa yendlela asithanda ngayo, usidlise ubomi kunye noKrestu, naxa besinjengabafileyo nje ngenxa yezono zethu. Kambe ke nakhululwa ngenxa yesisa sikaThixo.
  • Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa!
    Ngenxa yezibele zothando lwakho,
    nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam!
    Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;
    ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!
  • Kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.
  • Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?
    Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
    angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
    Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
    kaloku uyimvuze-mvuze bububele.
  • Kambe ke uNdikhoyo usanilindele,
    usazungula ukunibabala ngesisa.
    Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo;
    hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye!
  • Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.
  • Khumbula, Ndikhoyo, inceba yakho,
    nothando lwakho obukade unalo kwakudala.
    Ungazikhumbuli izono zobutsha bam,
    nokungathobeli kwam umthetho wakho;
    kanye ndazelelele ngothando olungagungqiyo,
    ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.
  • Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;
    ndilondoloze ngenceba nenyaniso.
  • Ndiyanikhuthaza ngoko, mawethu, ngenxa yenceba kaThixo, ukuba nizinikele nina ziqu nibe lidini eliphilayo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo. Leyo ke yindlela yenu efanelekileyo yokukhonza uThixo ngengqiqo.
  • Ngoko ke ndiya kulandelwa kokulungileyo nabububele,
    umzi wakho ube likhaya lam yonke imihla yobomi bam.
  • Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!
    Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;
    ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu.
  • Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!
  • Kodwa ngenxa yaloo mfobe yakho wena akubatshitshisanga;
    wena zange ubalahle, Thixondini onesisa nenceba.
  • Unethamsanqa umntu onika ngesisa,
    lowo ungayiqhubi ngobuqhetseba imicimbi yakhe.
  • Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
    ndikhala kuwe ndibindekile.
    Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
    usiphulaphule isikhungo sam.
  • Kodwa yandiphendula yathi: “Ubabalo lwam lukwanele, kuba amandla am acaca xa ubuthathaka.” Ngoko ke ndikhetha ukuqhayisa ngezinto ezibonakalisa ubuthathaka bam, ukuze ndikuve ukongama kwamandla kaKrestu phezu kwam.
  • Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.
  • Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
    kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.
  • Kodwa isono sika-Adam asinakulinganiswa nesisa sikaThixo. Kaloku naxa kwafa abantu abaninzi nje ngenxa yesono salowo mnye unguAdam, lona ubabalo lukaThixo esalufumana ngaloo mntu mnye unguKrestu, lwaphuphumela kubantu abaninzi ngakumbi.
  • Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,
    netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.
    Maliguquke, lize kuNdikhoyo;
    yena wosuka abe novelwano lilo.
    Malize kuThixo wethu,
    kuba yena uxolela kangangoko.
  • Wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha.
  • Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.
  • Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.”

‘Guquka, mkreqikazindini Sirayeli!’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
‘Andizi kuba sakukhangela ngobuso obusangeneyo,
kuba ndinenceba.’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
Úthi: ‘Andiyi kuhlala ndiniqumbele.’
Funda ngokugqithisileyo...