DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga noxolelo

  • Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
    kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.
  • Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.
  • Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.
  • Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.
  • Ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.
  • Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo.
  • Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.”
  • Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
    kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.
  • Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;
    uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.
  • Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu.
  • Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?
    Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
    angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
    Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
    kaloku uyimvuze-mvuze bububele.
  • Yazini niqiniseke xa ninonke, mawethu, ukuba kungoYesu ukushunyayelwa kodaba lokuxolelwa kwezono. Ngokunjalo qondani ukuba wonke umntu ozinikelayo kuye uyakhululwa kuzo zonke izono, obungenako ukumkhulula kuzo umthetho kaMosis.
  • Kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.
  • Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela.
  • Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,
    ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:
    “Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”
    wandixolela wena ityala lam.
  • Usixolele amatyala ethu,
    njengokuba nathi sibaxolela abasonayo.
  • Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa.
  • Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
    koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
    Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
    kaloku yena unesisa kwanemfobe,
    uza kade umsindo,
    yimvuze-mvuze ngobubele;
    ewe, unebuyambo, akananqala.
  • Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele. Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.
  • Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu.
  • Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”
  • Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.
  • Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,
    netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.
    Maliguquke, lize kuNdikhoyo;
    yena wosuka abe novelwano lilo.
    Malize kuThixo wethu,
    kuba yena uxolela kangangoko.
  • Xa umntu egula, makabize amadoda amakhulu ebandla; wona aya kumthandazela, amthambise ngeoyile egameni leNkosi. Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe.
  • Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,
    ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo.

UThixo wayewayeke ngabom loo maxesha apho abantu babengazi. Kungokunje uyalela abantu bonke, ezindaweni zonke, ukuba baguquke ezindleleni zabo ezimbi.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu,
wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama,
ukuze bonke abaphilayo,
ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba,
bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela