Iivesi zeBhayibhile malunga nobuhlobo
- Umhlobo unothando ngamaxesha onke;
ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo. - Iitshomi ezininzi ziyamvuthulula umntu;
kanti ke sikho sona isihlobo esithembekayo kunomntakwenu. - Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.
- Kaloku xa omnye ethe wawa omnye unokuphakamisa ugxa wakhe. Mawoo ke lowo uyedwa xa athe wawa! Akukho bani unokumphakamisa.
- Khawukhangele ukubukeka nomkhitha
wokuhlala kwezalamane ngemvano! - Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo. - Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo.
- Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini banako ukumelana nohlaselo. Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima.
- Iintsimbi ziyalolana;
ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana. - Umntu onobugwenxa udala ingxabano;
umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo. - Kungcono abasebenzi babe babini kunokuba abe mnye, kuba baba nengeniso eyiyo ngomsebenzi wabo.
- Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,
nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla. - Nguwo lo umyalelo esiwunikwe nguKrestu ngenkqu: Ukuba umntu uyamthanda uThixo, makamthande nowabo.
- Musani ukuphazama: “Incoko embi iyasonakalisa isimilo esihle.”
- Ungaze wahlukane nezihlobo zakho, ungazilibali nezakowenu.
Xa usengxakini sukubalekela kumntakwenu –
isenokuba ngummelwane osondeleyo onokukunceda ngaphezulu komntakwenu okude. - Kaloku ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele siphiwo sithile kwezoMoya, ukuze nomelezeke. Ndithetha ukuthi nina kunye nam sivuseleleke: nina ngokholo lwam, nam ke ngokholo lwenu.
- Bantundini abangathembekanga, anazi kakade ukuba ngokuhlobana neli hlabathi nizenza iintshaba zikaThixo? Ewe, nabani na okhetha ukuvana neli hlabathi ulutshaba lukaThixo.
- Abangenabani ubenzela izihlobo.
Amabanjwa uwakhokelela enyhwebeni;
ke bona abavukeli bohlala kwelingumqwebedu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubudlelwane
Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Umbingelelo
Olona thando lukhulu umntu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho,ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.
Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umnyangi wabantliziyo zenzakeleyo,ewe, umbophi wamanxeba abo.Ivesi elandelayo!
