Iivesi zeBhayibhile malunga nomonde
- Umntu onomonde uba nengqiqo;
kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge. - Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando alunamona, alugwagwisi, lungakhukhumali. Uthando alugezi, alufuni okukokwalo, alunachuku, alunanzondo.
- Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.
- Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.
- Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.
- Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.
- Onomonde ulungile kunegorha;
olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko. - Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,
ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga. - Thembela kuNdikhoyo; yomelela, ube nesibindi!
Ewe, thembela kuNdikhoyo wena! - Zolani nina; uNdikhoyo uza kunilwela!
- Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.
- Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde.
- Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu.
- Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;
ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.
Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,
kodwa kusasa kuba yimincili yodwa. - Uyawuva umthandazo wam, Ndikhoyo, kwakusasa:
kwakusasa ndizibika kuwe, ndilinde impendulo. - Kambe ke uNdikhoyo usanilindele,
usazungula ukunibabala ngesisa.
Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo;
hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye! - UNdikhoyo unenceba nesisa;
uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele. - Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa.
- Kodwa kungenxa yesi sizathu kanye ukuba uThixo andenzele inceba, ukuze umonde kaKrestu Yesu ubonakale ngokupheleleyo ngam. Undibizile, nangona ndingobalaseleyo nje umoni, ukuze ndibe ngumzekelo kubo bonke abasaza kukholwa kuye bafumane obona bomi bungenasiphelo.
- Ze nikhumbule le ndawo ke, zihlobo zam: umhla omnye kuThixo uyafana newaka leminyaka, newaka leminyaka lifana nomhla omnye.
- Lushumayele udaba, zingisa ukuluvakalisa ngamathuba alungileyo naxakileyo. Baqononondise abantu, ukhalime, ubakhuthaze, ufundisa ngomonde.
- Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu.
- Ndiyeza kwakamsinya. Yilondoloze imbo yakho. Lumka hleze ixhwilwe imbasa yakho.
- Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala. - Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ukuphela kwexesha
Sanukuvuma nilahlekiswe mntu. Kaloku...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Ukuza kwesibini
Nani ke ngoko hlalani...
Umsindo
Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Wena undazisa iindlela zobomi;kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.