DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nobuyiselo

  • Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu. Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.
  • Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.
  • Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.
  • Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.
  • Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’
  • Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.
    Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
    Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
    Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
    ube negama elihle kuThixo nasebantwini.
  • Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeni
    phatha umngena-ndlwini xa uya kubo.
  • Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.
  • Kodwa ke kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
    “Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,
    nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,
    zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”
  • Ke ngoko, xa sukuba usipha ihlwempu, uze ungemi phezu kwendlu umemeze, njengokuba besenjenjalo abahanahanisi ezindlwini zesikhungo nasezitalatweni, ukuze banconywe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
  • Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,
    uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.
  • Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.
  • Ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.
  • Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.
  • Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa.
  • Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!
  • Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.
  • Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.
  • Baninzi phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.
  • Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,
    phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.
  • Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.
  • Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!
  • Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.
  • Ukuba niyazithoba kuye uThixo, uya kuniphakamisa.
  • Quqelani kokulungileyo, ingekuko okubi,
    khon' ukuze niphile,
    naye uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, abe phakathi kwenu,
    njengoko nizingca ngaloo nto.

Intliziyo yomntu inenkohliso ngaphezu kweento zonke.
Akukho nto inokuyinyanga,
kungekho bani uyiqondayo.
Ndim, mna Ndikhoyo, umgocagoci weentliziyo zabantu,
nomvavanyi weengcinga zabo.
Ulowo ndimvuza ngokuziphatha kwakhe,
ndimdlise iziqhamo zezenzo zakhe.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela