DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nobuyiselo

  • Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu. Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.
  • Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.
  • Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.
  • Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.
  • Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’
  • Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.
    Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
    Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
    Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
    ube negama elihle kuThixo nasebantwini.
  • Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeni
    phatha umngena-ndlwini xa uya kubo.
  • Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.
  • Kodwa ke kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
    “Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,
    nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,
    zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”
  • Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,
    uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.
  • Ke ngoko, xa sukuba usipha ihlwempu, uze ungemi phezu kwendlu umemeze, njengokuba besenjenjalo abahanahanisi ezindlwini zesikhungo nasezitalatweni, ukuze banconywe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
  • Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.
  • Ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.
  • Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.
  • Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa.
  • Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!
  • Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.
  • Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.
  • Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!
  • Baninzi phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.
  • Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,
    phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.
  • Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.
  • Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.
  • Intliziyo yomntu inenkohliso ngaphezu kweento zonke.
    Akukho nto inokuyinyanga,
    kungekho bani uyiqondayo.
    Ndim, mna Ndikhoyo, umgocagoci weentliziyo zabantu,
    nomvavanyi weengcinga zabo.
    Ulowo ndimvuza ngokuziphatha kwakhe,
    ndimdlise iziqhamo zezenzo zakhe.
  • Quqelani kokulungileyo, ingekuko okubi,
    khon' ukuze niphile,
    naye uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, abe phakathi kwenu,
    njengoko nizingca ngaloo nto.

Ukuba niyazithoba kuye uThixo, uya kuniphakamisa.
Funda ngokugqithisileyo...