DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ibuyiselo (2/2)

  • Intliziyo yomntu inenkohliso ngaphezu kweento zonke.
    Akukho nto inokuyinyanga,
    kungekho bani uyiqondayo.
    Ndim, mna Ndikhoyo, umgocagoci weentliziyo zabantu,
    nomvavanyi weengcinga zabo.
    Ulowo ndimvuza ngokuziphatha kwakhe,
    ndimdlise iziqhamo zezenzo zakhe.
  • Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.
  • Ngoko ke zilumkeleni, hleze niphulukane nayo into ebeniyisebenzela. Zabalazani, khon' ukuze nilifumane linjengoko linjalo ibhaso lenu.
  • Xa nihleli nimanyene nam, nisoloko nisenza ngokwamazwi am, nocela nantoni na ke eniyifunayo, niyifumane.
  • Ewe, ezi mbandezelo zexeshana, zincinane zinjalo, zisilungiselela iwonga laphakade, elingenakulinganiswa nazo.
  • Nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.
  • Ngaba ndivakala ngathi ndifuna abantu babe ngakwicala lam na? Hayi, nguThixo kuphela endifuna abe ngakum. Niba ngaba ndizicengezela ebantwini? Ukuba bendizicengezela ebantwini, ngendingesiso isicaka sikaKrestu.
  • Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo.
  • Ndiyeza kwakamsinya. Yilondoloze imbo yakho. Lumka hleze ixhwilwe imbasa yakho.
  • Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula;
    ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka.
  • Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ngakumbi ukuqinisekiswa kokubizwa nokunyulwa kwenu nguThixo. Kaloku ukuba niyayenza loo nto, aninakuze niwe konke. Leyo yindlela eniya kungena ngayo ekuxhamleni ubuncwane bokulawulwa amaxesha onke yiNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu.
  • Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.
  • Sinoyolo isizwe esiThixo unguNdikhoyo,
    eso asinyule sangabantu bakhe.
  • Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile. Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.
  • Lowo woyisileyo uya kuba nenxaxheba ebhotwe. Kaloku nam ndoyisa ndaza ndafumana inxaxheba yokungqendeva noBawo ebhotwe.
  • Ngokholo nkqu noSara owayengazali, naxa wayeselegugile nje, wafumana amandla, wakhawula, kuba wathemba ukuba uThixo lo uthembisileyo wosigcina isithembiso sakhe.
  • Ezi zipho zisisiqinisekiso sezinto ezinkulu nezimangalisayo asenzela zona: uThixo usenza sibe nenxaxheba kubomi bakhe, sikuphephe ukonakaliswa lihlabathi elikhohlakeleyo.
  • Ke wena, xa sukuba usipha ihlwempu, masingakwazi isandla sakho sasekhohlo okwenziwa sisandla sakho sasekunene, ukuze ke izinwe zakho zingabonwa ngabantu, ze ke uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze yena ekuhleni.
  • Ke wena, xa uzilayo, uzungayeki ukuthambisa intloko yakho nokuhlamba ubuso bakho. Kothi ke ukuzila kwakho kungabonakali ebantwini, koko kubonakale kuYihlo ongabonwayo, aze yena uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze.
  • Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
  • Kodwa ukuba niyayilungisa ngenene ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, naza nenza ubulungisa omnye komnye, ningabacinezeli abangeneleli, okanye iinkedama nabahlolokazi, ningaphalazi igazi elimsulwa apha, ningazenzakalisi ngokunqula izithixo, mna ndonizinzisa kule ndawo ingumhlaba endawabela ooyihlo ukuba bawume ngonaphakade.
  • Nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.
    Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,
    umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela