DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nomgwebo

  • Nakuwe ke mntundini ugwebayo, nokuba ungubani, amatyholo aphelile. Ewe, ngokugweba omnye, uzigweba ngokwakho. Kaloku wena ugwebayo, wenza kwaezo zinto ugweba omnye ngazo.
  • Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo.
  • Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,
    kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu.
  • Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu.
  • Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha.
  • Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?
  • Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo.
  • Yini na wena ukuba usigwebe isicaka somnye? Kaloku siya kugwetywa yinkosi yaso. Kanti notyayo akayi konakalelwa nto, kuba iNkosi inako ukumgcina.
  • “Nezo zixhobo zixonxwe ngenxa yakho soze zikutshabalalise,
    uya kumphendula nabani na okumangalelayo.
    Lilo ke elo ilifa lezicaka zikaNdikhoyo;
    ewe, mna ndozithi jize ngoloyiso.”
    Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo!
  • NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?
  • Ndababona abafileyo, abakhulu kwanabanci, bemile phambi kwesihlalo sokulawula. Zavulwa iincwadi, kwaza kwavulwa nenye incwadi eneenkcukacha zobomi. Abo bafileyo bagwetywa ngokwengxelo yezenzo zabo eyayibhalwe kwezo ncwadi. Ulwandle, ukufa, nelabafileyo labakhuphela ngaphandle abafileyo ababekulo. Umntu ngamnye wagwetywa ngokwezenzo zakhe.
  • Bonke abonileyo bengekho phantsi komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.
  • Kuba kaloku uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe, koko wamthuma ukuze abe nguMsindisi walo.
  • Ngoko ke makungabikho bani unixoxisayo ngento emaniyitye, okanye niyisele, nangemisitho yokuthwasa kwenyanga neyoMhla wokuPhumla. Ezi zinto zazisisithunzi nje sento eyayilindelekile – inkqu yayo nguKrestu.
  • Umtshato uxabisekile; mawuxatyiswe nguye wonke ubani. Amadoda nabafazi mabanyaniseke omnye komnye, bangasixabheli isilili sabo. Ingqumbo kaThixo ijinga phezu kwabo bakrexezayo kwakunye nabo barheletyayo.
  • Lowo utya konke makangamdeli ozila ukutya okuthile, nalowo uzila ukutya okuthile makangamgwebi otya konke, kuba uThixo umamkele.
  • Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.
  • Lowo uzinikelayo kuNyana kaThixo akagwetywa; kodwa lowo ungazinikeliyo selegwetyiwe, kuba engakholwa kuNyana kaThixo okuphela kwakhe.
  • Ndiwuphatha gadalala umzimba wam, ndiwuqhelisa, ukuze uhlale ulawuleka; hleze ndithi ndakuba ndibashumayezile abanye, mna ngokwam ndingamkeleki.
  • Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena;
    kusasa umoya wam uyazula ufuna wena.
    Xa ulohlwaya ihlabathi
    abemi balo bafunda ngobulungisa.
  • Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.
  • Ngaphezu koko ke, mawethu, musani ukufunga xa nisenza isithembiso; nditsho nangezulu, umhlaba, nangantoni na. Xa nivuma yithini: “Ewe,” nithi: “Hayi,” xa nisala, kube kuphela, ukuze ningabi sesichengeni sokugwetywa.
  • Kodwa ke iNkosi iyabahlangula ezilingweni abantu abayithobelayo. Ke bona abangayithobeliyo ibagcinele ukubohlwaya ngomhla womgwebo.
  • Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile. Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.
  • Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa.

Xa isohlwayo setyala singàphunyezwa msinya abantu baqhubela phambili ukwenza ububi.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ukuxhalela abantu kusenokuba ngumgibe;
kambe ke othembela kuNdikhoyo ukhuselekile.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela