Iivesi zeBhayibhile malunga noMhlawuleli
- UNdikhoyo uThixo wakho unawe;
uligorha elisindisayo.
Yena unemihlali ngawe, enovuyo;
uya kukuthulisa ngothando lwakhe;
ugcoba ngawe eyiyizela. - Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am.
NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.
Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.
Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele. - Nguye owazenza idini ngenxa yethu, wasikhupha ekudeleni umthetho. Wasenza abantu bakhe abanyulu, abalangazelela ukwenza okulungileyo.
- UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.
- Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,
awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.
UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo,
ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba. - Ukundivukela kwakho ndikuphuthisile;
isono sakho sithe shwaka okwenkungu.
Buyela kum; ndim umkhululi wakho. - Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela.
- Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.
- Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,
kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo. - Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;
umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.
Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,
ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,
ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,
ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso. - Ndiya kumemelela ndinemincili,
ndicule ngokuzimisela okukhulu
ngenxa yokuba undihlangule. - Imihla yam isesandleni sakho;
ndihlangule ezintshabeni zam nakwabanditshutshisayo. - Úya kuzala unyana, ùmthiye igama elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.
- Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi uNdikhoyo,
kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile.
Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu,
ndibophe abantliziyo zingamahlwili,
ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa,
ndazise inkululeko kumabanjwa. - Ndikhoyo, ndizifihla kuwe, mandingadani konke!
Wena lungisa, uzundihlangule! - Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade.
- Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;
kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,
abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo. - Khawuncede usisindise, Thixo wethu,
ngenxa yesidima segama lakho.
Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho. - Ndathi: “Mhlekazi, ndihlangule
kumaxoki nakubakhohlisi.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Inkululeko
UKrestu wasikhulula ukuze sibe...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ubukhoboka
UKrestu wasikhulula ukuze sibe...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele.