Iivesi zeBhayibhile malunga nentshutshiso
- Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi.
- Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona!
- Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.
- Ukuba ihlabathi lithe lanithiya, ze nikhumbule okokuba lathiya mna kuqala.
- Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo.
- Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?
- Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka.
- Ke mna ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.
- Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba ngunina, nokuba nguyise, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezimnandi, ongayi kuthi amkele kalikhulu: izindlu, nabantakwabo, noodade wabo, noonina, nabantwana, namasimi, zikunye neentshutshiso kweli phakade; aze ke athi kwelizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.”
- Imihla yam isesandleni sakho;
ndihlangule ezintshabeni zam nakwabanditshutshisayo. - Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.
- Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo.
- Ngoko ke, nokuba ndihamba kwiingxondorha ezimnyama,
andinadyudyu.
Kaloku ungakum, wena Ndikhoyo;
isagweba sakho nebhunguza lakho lixhadi lam. - Ndawa emhlabeni, ndaza ndeva ilizwi lisithi: ‘Sawule, Sawule, unditshutshisela ntoni na?’
Izihloko ezinxulumeneyo
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.