Iivesi zeBhayibhile malunga nomthandazo
- Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.
- Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.
- Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.
- Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo.
- Nokhalela kum, nize kundithandaza, ndize mna ndiniphulaphule.
- Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.
- Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.
- UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,
kwabo bamfuna benyanisekile. - Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.
- Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi.
- Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.
- Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.
- Kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.
- Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,
ndalucela uncedo kuThixo wam.
Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,
savakala kuye isikhalo sam. - Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.
- Njengokuba ke sisazi ukuba uyaziphulaphula izicelo zethu, ngokunjalo ke siyazi ukuba izinto esizicelayo sesiziphiwe.
- Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.
- Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.
- Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.
- Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.
- Ndadanduluka kuye ndizibika;
ndandipheth' iindumiso nemibongo. - Konke enikucelayo ngomthandazo nikholwa, nokwamkela.
- Bonke aba babezingisa ukuthandaza ngamxhelo mnye, kukho namanina, ekho noMariya unina kaYesu nabantakwabo-Yesu.
- Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana.
- Ke mna ndithi kuni, nina nindivayo: Zithandeni iintshaba zenu, nibenzele okulungileyo abo banithiyileyo. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuphulaphula
Khumbulani le nto, zihlobo...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Wanga angakunika umnqweno wentliziyo yakho,aziphumelelise zonk' iinquleqhu zakho.Ivesi elandelayo!