- Xa ungazifumani izinto ozifunayo, ukhetha ukubulala; okanye xa ungafezeki umnqweno wakho, uyaxabana ulwe. Kanti ke, ungazifumani nje izinto ozifunayo, kungenxa yokuba awuziceli kuThixo.
- Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.
- Uyawuva umthandazo wam, Ndikhoyo, kwakusasa:
kwakusasa ndizibika kuwe, ndilinde impendulo. - Kambe ke, ngeny' imini, Ndikhoyo,
luya kubalasela uthando lwakho.
Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,
ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye. - Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho.
- Wuphulaphule umthandazo wam, Ndikhoyo;
sive isikhungo sam.
Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule. - Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.
- Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,
waza yena wasabela wandihlangula. - Kaloku ndiyazi ukuba ngemithandazo yenu, nangoncedo loMoya kaYesu Krestu ndiya kusinda.
- Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,
iyiphulaphule imithandazo yawo.
Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi. - Ngoko ke sazila sakhunga kuThixo wethu ngalo mbandela, waza wawuphendula umthandazo wethu.
- Ngamana angamkeleka kuwe, Ndikhoyo,
amazwi am neengcamango zentliziyo yam,
wena mkhuseli wam nomkhululi wam. - Thandazani ke ngoko nina nithi:
“ ‘Bawo wethu osezulwini:
Malaziwe lihlonelwe igama lakho,
malongame ulawulo lwakho,
makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.”’ - Xa umntu egula, makabize amadoda amakhulu ebandla; wona aya kumthandazela, amthambise ngeoyile egameni leNkosi. Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe.
- Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,
walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo. - Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu.
- Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?
- Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.
- Waza ke uPetros wagcinwa entolongweni apho, kodwa amaKrestu wona azingisa ukumthandazela kuThixo, lo gama avalelweyo.
- Akuba ke uYobi ebathandazele abahlobo bakhe kuNdikhoyo, uNdikhoyo waphinda wambuyisela uYobi kundalashe. Ewe, ubutyebi bakhe wada wabuphinda-phinda.
- Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.
- Jika uxelele inkokheli yabantu bam uHezekiya, uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kukuphilisa. Ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku uya kuya endlwini kaNdikhoyo.’
- Ke mna ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.
- Wena Thixo woobawo, ndiyakudumisa,
ndikubulela kuba wena undizimasile.
Undithe jize ngobulumko namandla.
Nangoku wena undityhilele,
wawuphendula umthandazo wethu.
Ewe, usityhilele le nto ifunwa ngukumkani. - Lamla, Ndikhoyo; caca ukuba unguThixo!
Sukubalibal' abantw' abahlelelekileyo!
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuphulaphula
Khumbulani le nto, zihlobo...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”Ivesi elandelayo!