- Ngoko ke bazila ukutya bathandaza, bababeka izandla, baza babandulula.
- Lamla, Ndikhoyo; caca ukuba unguThixo!
Sukubalibal' abantw' abahlelelekileyo! - Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;
ndive, ndakuzibika kuwe.
Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,
kuba ndiselugcinweni lwakho,
nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho. - Bawo, njengoko ubanike mna nje, ndithanda ukuba babe lapho ndikhoyo, babubone ubungangamsha ondinike bona, kuba wandithanda lingekadalwa nokudalwa ihlabathi.
- Ndibazisile ngawe, ndaye ndisaya kwenjenjalo, ukuze uthando ondithanda ngalo mna lumile kubo, nam ndihlale ndimanyene nabo.
- Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza.
- Usixolele amatyala ethu,
njengokuba nathi sibaxolela abasonayo. - Ungasiyekeli ekulingweni,
koko sihlangule kumtyholi;
kuba ngenene nguwe olawulayo,
namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen. - Mna ke ngoko ndithi kuni: Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa.
- Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla.
- Umntu ozivalayo iindlebe zakhe kuwo umthetho kaThixo
kwaumthandazo wakhe uyanyanyeka kuThixo. - Ekuyikhonzeni kwabo iNkosi, bezila ukutya, uMoya oyiNgcwele wathi kubo: “Ndikhetheleni uBharnabha noSawule, ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.”
- Ezithathile ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, ukhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza, wamana enika abafundi bakhe ukuba babele isihlwele. Badla ke bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.
- Ke ekubhaptizweni kwento eninzi yabantu, noYesu ebhaptiziwe, kwathi ethandaza, lavuleka izulu, wehlela phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele enembonakalo yehobe. Kwavakala nezwi livela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe!”
- Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.
- Ndiza kuyomeleza indlu kaJuda,
ndiyihlangule indlu kaJosefu.
Ewe, ndoba nebuyambo ngakubo;
kaloku mna ndinenceba ngabo.
Boba ngathi zange ndibalahle.
Kaloku mna ndinguNdikhoyo uThixo wabo,
ndaye ke ndobaphendula.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuphulaphula
Khumbulani le nto, zihlobo...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.
